Ikopi yeNcwadana
Thetha ulwimi lwakho. Lilungelo lakho.
Ingaba luhlobo luni lwenkonzo olunikezwayo?
I-TISSA inikeza inkonzo yokutolika ngomnxeba eza kwenza ukuba kubekho unxibelelwano phakathi kukarhulumente noluntu kusetyenziswa iilwimi zemveli ezisemthethweni ukuze kufumaneke iinkonzo zikarhulumente.
Kutheni iTISSA inikeza ngale nkonzo?
Nge-TISSA, urhulumente ufezekisa igunya loMgaqo Siseko ngokuthatha amanyathelo alungileyo nasebenzayo ukuphuhlisa nokunyusa iilwimi zemveli ezisemthethweni.
Ingaba uluntu lungacela iinkonzo zikarhulumente ngolwimi lokuzalwa?
Ewe, ukubangaba lolunye leelwimi zemveli ezisemthethweni.
Ingaba ukuthetha ngeminwe zizithulu kubandakanyiwe?
Ewe, abantu abazizithulu babandakanyiwe kwinkonzo yeTISSA. Baza kufumana inkonzo efanayo njengaye nawuphina umntu ovayo, eKapa, eRhawutini, eThekwini nasePolokwane.
Ingaba inkonzo isebenza njani?
Ukuba umhlali kunye nomsebenzi karhulumente abaqondani ngeelwimi zabo, igosa likarhulumente lingatsalela iziko lokutsalela leTISSA.
Kwiziko lokutsalela, igcisa leminxeba liza kunxulumanisa igosa likarhulumente nomhlali kwitoliki ekwaziyo ukuthetha iilwimi ezo zombini.
Igosa likarhulumente liza kubanomnxeba onemiqheba yemfonomfono emibini ukuze yena nomhlali babenako ukumamela itoliki.
Itoliki ke iza kutolikela aba bantu bobabini. Oku kungathatha imizuzwana embalwa.
Ingaba ndiza kwazi njani ukuba isebe likarhulumente lingandinceda
Imiqondiso kwi-ofisi zikarhulumente iza kubonisa ukuba iinkonzo zokutolika ziyanikezwa.
Ukuba i-ofisi karhulumente ayiwubonisi umqondiso weTISSA, ingaba ndisenakho ukusenza isicelo?
Hayi, inkonzo ifumaneka kuphela kwiziza ezinomqondiso weTISSA. Nangona kunjalo, iziza ezininzi ziza kubandakanywa kwixesha elizayo.
Ingaba inkonzo iza kundinceda kanjani?
Iza kudlala indima enkulu ekuphuhliseni amalungelo olwimi lwakho, kananjalo namalungelo oluntu eMzantsi Afrika.
Kwakhona iza kudlala indima enkulu ekunyuseni nasekusetyenzisweni kweelwimi zemveli ezisemthethweni kunye nokuthetha ngeminwe kwezithulu.
Uza wukwazi ukufumana iinkonzo zikarhulumente ngolwimi lwakho.
Umnxeba: 012 460-6090
